Uphando lwamapolisa lukhokelele ekubanjweni kwabarhanelwa abane ngokubulala indoda eneminyaka engama-44 ubudala yaseKhamu, Nenga A/A, eyadutyulwa ilele endlwini yayo ngomhla we-10 kuMatshi 2025 malunga no-20H30 kwiilali ezahlukeneyo eMqanduli (Mancam, Khohlo, Xhorana ).
Babanjwe ukusukela ngoLwesibini,18/03 ukuya kutsho ngolwesithathu,19/03 ekuseni. Ngokwengxelo yamapolisa abarhanelwa ababini abangamadoda abaneminyaka engama-50 kunye nama-57 ubudala bafunyenwe benemipu engenamphepha-mvume, umpu onephepha-mvume ufunyanwe kumrhanelwa oneminyaka engama-60 ubudala, yomithathu imipu iyakusiwa kuvavanyo ukuze kubonwe ukuba iyayamana ngokuthe ngqo nendawo.
Bobane abarhanelwa abangamadoda babekwe izityholo zokubulala kwaye bongezelelwa amatyala amabini, ukuba nemipu nembumbulu ngaphandle kwempepha mvume kwaye bonke bekulindeleke ukuba bavele phambi kwenkundla kamantyi yaseMqanduli namhlanje bejongene namatyala abo.

