Oku kubanjwa kwenzeke kwiindawo ezahlukeneyo ngoLwesine, umhla we-13 kweyoMdumba-2025.Amapolisa aqalise uphando emva kokuba ibhanki enkulu ichaze iidiphozithi ezikrokrisayo zemali engcoliswe kwii-ATM. Uphando ludize ukuba abanye abarhanelwa basebenzela inkampani ejongene nokucoca nokubuyisela ii-ATM ezithe zaqhushumbiswa.
Iqela lee-arhente ezininzi elibandakanya ubuntlola bolwaphulo-mthetho be-SAPS, iyunithi yokugada koohola bendlela eGauteng, iyunithi yophando yephondo, i-JMPD K9, abaphandi beebhanki,bbagqogqe izakhiwo zenkampani. Apho, amagosa abamba umrhanelwa omnye aza abhaqa imali ibihlanjiwe.
Ukugqogqwa kwendawo ebehlala kuyo kwakhokelela ekufumaneni imali eninzi. Uphando olongezelelweyo lukhokelele abasemagunyeni e-Alexandra naseTembisa, apho abarhanelwa abathathu abongezelelekileyo, kubandakanywa nomtyholwa njengenkokeli, babanjwa.
Amapolisa afumene imali engaphaya kwe-R160,000 kunye neekhemikhali ezisetyenziselwa ukucoca. Abarhanelwa bazakuvela phambi kwenkundla kamantyi yaseTembisa ngoMvulo we-17 kweyoMdumba ka-2025.

