URefilwe Mokgotlo kunye noJulia Rihlampfu bagwetywe yiNkundla ePhakamileyo yaseRhawutini ngokukrwitsha le ndoda ngentambo yokutshaja iselula. Ukongeza kwisigwebo sobomi, inkundla inike la mabhinqa iminyaka elishumi elinesihlanu ngokuphanga kunye neenyanga ezintandathu ngobusela.
Ngomhla we-13 kuTshazimpuzi ka-2019, uMokgotlo noRihlampfu, bahamba besuka ePitoli besiya kwindawo yentselo eFourways ukuya kufuna abathengi. Ngentsimbi ye-03:00am, indoda eneminyaka engama-29 ubudala yazamkela iinkonzo zabo yaza yahamba nabo ukuya kwindawo ehlala kuyo eSandton.
Emva kokuthenga, le ndoda yabelana ngesondo ngokuvumelene noMokgotlo ngelixa uRihlampu elinde kwelinye igumbi.
Kuvakala ukuba kwavela ingxabano. Umcuphi wetyala enika ubungqina ngethuba lokuxoxwa kwetyala labasetyhini, uMokgotlo wayikrwitsha le ndoda yabhubha. Emva kokubulala, omabini amabhinqa abaleka kwindawo ahlala kuyo.
Uyise wale ndoda waqala ukuyikhangela emva kokuba ingafumaneki. Umhlobo wosapho wathunyelwa apho ihlqla khona, apho bawubhaqileyo umzimba wakhe baza baxelela amapolisa. Ngokutsho kweGunyabantu lezoTshutshiso (NPA), imifanekiso yevidiyo esuka apho ibihlala khona ibonise le ndoda ingena kule ndawo nabasetyhini ababini, abathi kamva babonwa bephuma nezitshixo zendlu.
Iminwe efunyenwe kwindawo yolwaphulo-mthetho ihambelana noMokgotlo noRihlampfu, ebanxulumanisa nesi senzo sokubulala.
Kufunyenwe intambo yeselula entanyeni kamfi, kwaza kwabhaqwa iziliphu zebhanki phezu kwebhedi.

