Abathathu ababengamagosa ezendlela kumasipala wengingqi yaseKouga babanjiwe bavele kwinkundla kamantyi yaseHumansdorp izolo.
Oku kuza emva kophando lweminyaka emithathu olwenziwa liCandelo lokuLwa uRhwaphilizo leSAPS. Aba bathathu uJohn Heinrich Natal (55) Enrico Jay Biko (49), Melisizwe Eric Nkomo(49) bavele enkundleni ze bakhululwa ngebheyile ye R500 umntu emnye. Bajongene nezityholo ezininzi eziquka ubuqhophololo, urhwaphilizo, kunye nokwaphula umthetho weNational Road Traffic Act 93 ka 1996.
Ngokwa mapolisa, la madoda mathathu, ayeqashwe ngumasipala waseKouga kwaye ebesebenza njengabavavanyi kwisebe lezendlela iHumansdorp eMpuma Koloni.
Batyholwa ngelithi abarhanelwa banikezela ngeempepha-mvume zokuqhuba kubaqhubi bemoto ngaphandle kokwenza uvavanyo njengoko kuchaziwe kumthetho iNational Road Traffic Act 93 ka 1996.
Kulindeleke ukuba babuyele enkundleni nge 11 April 2025

