Abathathu ababengamagosa ezendlela kumasipala wengingqi yaseKouga babanjiwe kwaye kulindeleke ukuba bavele kwinkundla kamantyi yaseHumansdorp kungekudala.
Oku kuza emva kophando lweminyaka emithathu olwenziwa liCandelo lokuLwa uRhwaphilizo leSAPS. Aba bathathu babanjwe ngoLwesine. Bajongene nezityholo ezininzi eziquka ubuqhophololo, urhwaphilizo, kunye nokwaphula umthetho weNational Road Traffic Act 93 ka 1996.
Ngokwa mapolisa, la madoda mathathu, aphakathi kweminyaka engama-49 ukuya kumashumi amahlanu anesihlanu ubudala, ayeqashwe ngumasipala waseKouga kwaye ebesebenza njengabavavanyi kwisebe lezendlela iHumansdorp eMpuma Koloni.
Batyholwa ngelithi abarhanelwa banikezela ngeempepha-mvume zokuqhuba kubaqhubi bemoto ngaphandle kokwenza uvavanyo njengoko kuchaziwe kumthetho iNational Road Traffic Act 93 ka 1996.

