Isebe lezothutho eMpuma Koloni livakalise ukudandatheka kwalo yingozi ehlasimlisa umzimba ethathe ubomi babantwana ababini kunye nomama wabo ku N6 ngaphandle kwase Chumakala kwindlela esingise ngase Monti.
Ngokwengxelo yelisebe lengozi ibandakanye isithuthi esincinci kunye nebhasi encinci, kuvakala ukuba umama okwiminyaka eqikelelwa kumashumi amane kunye nabantwana ababini abakwiminyaka emihlanu ( 5) neshumi elinesihlanu (15) bebesingise ngaseMonti ngethuba bengqubana nalebhasi, bobathathu babhubhele kwindawo yesiganeko.
Amashumi amabini (20) abantu ebebekwibhasi babalekiselwe kwisibhedlele sase Chumakala benyangelwa umonzakalo eyohlukeneyo. Le bhasi kutyholwa ukuba ibikhwelise abasebenzi abasuka kwinkampani eyaziwayo yenyama yenkukhu ngethuba lesisiganeko.
Kukholeleka ukuba amaxhoba kuquka nabo babhubhileyo ngabahlali baseChumakala.
Umphathiswa wesebe lezothutho kweliphondo leMpuma Koloni uXolile Nqatha ugqithise amazwi entuthuzelo kusapho, ekwanqwenelela abo bonzakeleyo ukuba bachache ngokukhawuleza.
Elisebe licela abasebenzisi bendlela ukuba bathobele imithetho yezendlela.

