Ngokwengxelo ezona zimbi zenzeke kuhola wendlela uN2 ngasePhakade apho abantu abasibhozo bathe babhubha kwingozi yemoto ebibandakanya iveni kunye nelori. Iveni ibikhwele abantu abali-12. Ingxelo ihambisa ithi abantu abahlanu babhubhele kwindawo yesigameko ngelixa umntu yesithandathu esweleke ekufikeni kwakhe esibhedlele.
Abanye banyangwa esibhedlele. Ngelixa abonzakele ngokumasikizi batshintshelwa kwisibhedlele iNelson Mandela Academic eMthatha. Kusenjalo, abahambi ngeenyawo ababini baye bagilwa zizithuthi nabo phezolo, omnye kuN2 kufutshane neDans lodge ngaphandle kwaseMthatha, logam omnye obehamba ngeenyawo ebhubhele kwingozi yemoto kumbindi weMonti.
Amatyala okubulala ngokungenanjongo avuliwe kwityala ngalinye kula mathathu ukuze kuqhutyekwe nophando.

