Ubanjwe ngempelaveki emva kokuba amapolisa efumene ingcaciso ngomrhanelwa othutha iziyobisi esuka eRhawutini esiya eMonti.
Isithethi samapolisa eMpuma Koloni uNamhla Mdleleni uthi zingaphaya kwekhulu iibhegi ezineepilisi eziyi-1 000 inye efunyenwe kwimoto yomrhanelwa.
“Kwiphulo lobuntlola namalungu aphantsi kweqela leK9 kunye neRed Guard Security, balandele iinkcukacha zemoto, ilori ye-Isuzu, ekutyholwa ukuba ibihamba isuka kwiphondo laseRhawutini ithutha iziyobisi eMonti, eli qela lisibonile isithuthi kwindlela iCathcart kuKomani bakwazi ukuyimisa.

