Ufunyenwe enetyala yinkundla ephakamileyo yaseMpuma Koloni eGqeberha, uReinhardt Leach, enetyala lokubulala, ukuphanga, nokuba nompu neembumbulu ngokungekho mthethweni.
ULeach uwavumile amanye amatyala awongezelelekileyo, aquka iyelenqe lokubulala, ukuphazamisa ukusebenza komthetho, kunye namatyala amabini okufunyanwa neziyobisi.
Ityala lihlehliselwe uLwesine, apho amagqwetha akhe bazakuthethana nenkundla malunga nesigwebo.

