Abantu ababini babhubhile, abanye abahlanu bonzakele, kwingozi ebandakanye iimoto ezintathu ku-N2 kufutshane naseGonubie Farmers. Le ngozi ibandakanye iToyota Corolla ebinabantu abahlanu, indoda enye, amabhinqa amathathu kunye nomntwana omncinane.
Ngokwengxelo yesebe lezothutho kweliphondo leMpuma Koloni iteksi ibigcwele ingquzulene okwenkunzi zegusha neteksi kunye neToyota SUV ibinabakhweli ababini.
Abasetyhini ababini beCorolla babhubhele kwindawo yexhwayelo ngelixa abakhweli beeteksi bonke basinde baphuma bengenawo nomkrwelo. Umqhubi weSUV uye wonzakala kwaye wabalekiselwa esibhedlele.

