Inkondekazi eneminyaka engamashumi asixhenxe anesithandathu ubudala yelali yakuMadlaka, eCacadu eMqanduli ephila ngokuhamba ngamadolo okosana icela uncedo lweWheelchair.
Umakhulu uNoyalile Sineyi (76) wophuka amatyeli amathathu emilenzeni kwaye kudizwa ukuba ugqirha wamxelela ukuba akazuphinde ahambe ngeenyawo zakhe ngenxa yokuphela komongo kumathambo akhe.
Ingxaki zakhe ziqale mhla wophuka edolweni kunyawo lwasekunxele, esajonge leyo wophuka ethangeni lasekunene.
Esajonge leyo waphinda wophuka ekunxele kwakhona kumatyeli ohlukeneyo.
Uhlala namalungu osapho asixhenxe ekhayeni lakhe elingqongwe yimilambo kuMadlaka kwiwadi 23.
Encokola neliphephandaba uphalaze intlungu yakhe. “Ndiphila ngokugaqa ngamadolo okosana oko kuqale lonyaka, andikwazi nokuyothatha iipilisi kwiziko lempilo kuGengqe. Imali yesibonelelo sam sobudala iphelela ekutyeni ayikwazi kuthenga wheelchair,” Kucacisa umakhulu Noyalile.
Nangona wayenikwe intsimbi yokuhamba kwisibhedlele Zithulele eMqanduli kodwa ayimncedisi nganto ngenxa yokungakwazi kuzimela ngeenyawo zakhe zombini.
Intombi yakhe uPhumla Sineyi woleke umsundulo ngelithi”Ndimqhuba ngekiliva ukuya elalini. Asiphangeli asinamali yokuthenga wheelchair. Sicela umsamariya olungileyo asincede”

