Ixhoba libanga ukuba ipolisa lamlanda ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kweyoMnga ka-2024, ngetyala lobusela, kamva lathi yimpazamo.
Kutyholwa ukuba wamkhuthaza ukuba asele utywala, yaye xa esala, wamhlasela waza wamdlwengula esiseleni. Emva kwesi sehlo, eli polisa lamehlisa edolophini.
Ubungqina obuquka neengxelo zonyango kunye neempahla zexhoba ezikrazukileyo ziqokelelwe.Eli gosa livalelwe eRiebeek SAPS kwaye liza kuvela enkundleni ngomhla wama-30 kuDisemba, 2024.

