Iphondo leMpuma Koloni libhengeze ingxelo yokuba kubanjwe abantu abangama-451 beqhuba benxilile
Isebe lezothutho eMpuma Koloni livakalise inkxalabo emva kokuba kubanjwe abaqhubi beemoto abangamakhulu amane anamashumi amahlanu ananye (451) beqhuba benxilile kwiimpelaveki ezimbini ezandulela iKrisimesi.
Oku kubanjwa kwenziwa ngexesha kwephulo lokuthintela iingozi ezindleleni njengoko zinyuka iimoto kwiholide.
Abasemagunyeni balumkisa ngelithi ukuqhuba unxilile kusengunobangela ophambili weengozi ezibulalayo.
Abaqhubi beenqwelo-mafutha bayakhunjuzwa ukuba akuzunyanyezelwa ukuqhuba bephantsi kweempembelelo zotywala ezindleleni.
Isebe lith iphulo lonkumiswa nokugqogqwa kwezithuthi ezindleleni kuyaqhubeka ngalo lonke ixesha leziyunguma.

