Umqhubi nomkhweli kwiPolo, indoda nebhinqa, babhubhele kwindawo yexhwayelo. Kwibakkie bekukho indoda nowasetyhini. Umkhweli olinina wonzakele kakhulu waze wasiwa esibhedlele, logama umqhubi weveni yena wonzakele kancinci.
Umphathiswa uXolile Nqatha ubongoze abaqhubi beemoto ukuba baqhube ngobunono banciphise isantya, njengoko iindlela ezininzi zeli phondo zimanzi ngenxa yeemvula ezina ngamandla kutsha nje.
UMphathiswa uvakalise amazwi ovelwano kwiintsapho ezisentlungwini kwaye unqwenelela umkhweli wonzakele ukuba achache ngokukhawuleza. Ityala lokubulala ngokungenanjongo livuliwe.

