UYakhe Kwinana (60) oyiChartered Accountant nokwayesakuba lilungu lebhodi yeSouth African Airways (SAA) ubanjiwe kwaye ujongene namatyala amaninzi anxulumene nodushe loonoteksi kunye nokuxhaphaza eMonti.
Kutyholwa ukuba wayesoloko ekhatshwa zizigantsontso zamadoda axhobileyo egrogrisa amaxhoba ewafuna imali. Izindlu zamaxhoba kuvakala ukuba nazo zadilizwa.
UKwinana kulindeleke ukuba abuyele enkundleni kamantyi eMonti ngoMvulo ozayo.

