Kwiminyaka engama-26 ubudala, wenza isigqibo sobukroti sokubuyela esikolweni, eMdeni SSS kwisikolo esizinze eDutywa ukuze aphinde ibanga lakhe leshumi, kwaye iinzame zakhe ziye zabaneziqhamo ezincumisayo xa kuphela unyaka. Uthi uhambo lwakhe belunenamingeni.
Uthe wajongana nokugxekwa kunye nokuhletywa ngabo babemngqongile. Ukwathe amazwi ayethethwa ngoogxa bakhe angathandekiyo endaweni yokuba amthintele, wawasebenzisa njengesixhobo sokuya kwimpumelelo.
Wongeze ngelithi uhlale ezinzile kwinkolelo yakhe yokuba unokuwafezekisa amaphupha akhe, ebonisa ukuba ukomelela nokusebenza nzima kunokoyisa nawuphi na umqobo. Ecinga ngamava akhe, uMagadla uncoma amagqabaza angalunganga awanyamezeleyo amkhuthazayo ukuba atyhale ngesifuba kobobunzima.
Wathi: “Abo babedla ngokundihleba emva kwam bandomeleza. Ukukwazi kwakhe ukuguqula amazwi atyhafisayo abe ngumthombo wamandla bubungqina bokuziphatha kunye nokuzimisela kwakhe”.

