Abaculi, abavelisi beefilimu kunye nabaqulunqi beefilimu zomculo, bayamenywa ukuba bathumele imisebenzi yabo kwiMandela Bay Music Video Film Festival yokuqala, ezakubanjwa nge-31 kaMeyi 2025 e-Atheneum, eGqeberha.
Lo mnyhadala, oququzelelwe yiFlying Loudcast Agency, awubizi mali yokungena. Umphumeleli kwiBhaso leVidiyo yoMculo eBalaseleyo uzakufumana iR5000. Iijaji ezivela kwishishini lomculo ziza kuxabisa imisebenzi ethunyelweyo ngokusekelwe kumgangatho kunye nobuchule.
Zonke iintlobo zomculo zamkelekile, naphina eMzantsi Afrika. Kuya kubakho nemiboniso yevidiyo ezikhethiweyo kunye neeworkshop zokufundisa ngeendlela zokwenza, ukuhlela, iimpembelelo ezibonakalayo kunye nokusasaza iividiyo zomculo. Izicelo zivaliwa ngo-20 Meyi ebusuku kwaye kufuneka zithunyelwe ku mbmvff@gmail.com
UMsunguli woMnyhadala, uSebenzile Zalabe, uthe ugxininiso olukhulu kukukhuthaza ulutsha. “Ulutsha luyawuthanda umculo, kwaye lubona ikamva lalo kwiindawo ezinkulu zomculo. Lo mnyhadala uza kubanceda basebenzise izixhobo zabo ezifana neefowuni kunye neendaba zoluntu ukukhulisa uphawu lwabo,” utshilo uZalabe.
Lo mnyhadala ukwajolise ekuqondeni indima ebalulekileyo edlalwa ngumculo kwiinkqubela zentlalo — ukusukela kwiingoma zokulwa nobandlululo zikaMiriam Makeba noBrenda Fassie, ukuya kwiingoma zale mihla ezifana nekaLoyiso Gijana uMadoda Sabelani, echasene nodlame kubasetyhini.
IFlying Loudcast Agency, inkampani kaZalabe, iza kuxhasa umsitho lo kunye neNelson Mandela Bay Development Agency, MyBliss Technologies, kunye neSonwabo Audio Visuals.
Usomlomo womnyhadala, uSinethemba Gayiza, uthe: “Sifuna ukwakha ubuchule nokuqeqesha abaqulunqi beefilimu zomculo ukuze bakwazi ukufumana amanye amathuba kwicandelo labucala nakwishishini lezokhenketho. Iividiyo zomculo zibonwa rhoqo kumabonakude, yindawo enexabiso efunekayo ingeniso.”
Umnyhadala umema abaculi, abavelisi, iilebheli zomculo, kunye nabaqulunqi bomxholo ukuba babe yinxalenye. UZalabe uthi: “Siyakholelwa ukuba abaqulunqi bomxholo banokunceda ukukhuthaza umculo wengingqi.”
“Lo mnyhadala awupheleli ekubukeleni iividiyo — ujolise ekufundeni, ekunxibelelaneni nasekuphefumleleni isizukulwana esitsha sabadala beevidiyo zomculo,” uvale ngelo uZalabe. Ukuze ufumane ingcazelo ethe vetshe qhagamshelana no Sebenzile Zalabe ku mbmvff@gmail.com

