Owayesakuba lilungu lebhodi yakwaSAA uYakhe Kwinana uxelele inkundla kamantyi waseMonti ukuba amatyala abekwe wona ngobuqhetseba.
Kutyholwa ukuba uKwinana ugrogrise abahlali belali yaseBhongweni, ngaphandle kwaseMonti, etyholwa ngokusebenzisa oonogada abaxhobileyo kunye noomatshini abanzima ukudiliza izindlu zabantu abakhe kumhlaba ekuvakala ukuba ngowakhe, abasilela ukuhlawula irenti.
Ngokwengxelo lo ka Kwinana wathintelwa yinkundla ukuba enze oku, kodwa wagqitha ngapha komyelelo wayo. Ujongene nezityholo zokonakalisa impahla, ubusela kunye nokukhomba ngompu. Isicelo sakhe sebheyile siyaqhuba kwinkundla kamantyi waseMonti.
Ethatha ngethuba kuchotshelwe isicelo sakhe sebheyile, uKwinana oneminyaka engama-61 uthe mdala kwaye iimeko zasentolongweni zinefuthe kwimpilo yakhe. UKwinana usavalelwe, elityala lizakuqhubeka ngoLwesine.

