Umhlalutyi wezopolitiko owaziwayo eMzantsi Afrika, uMoeletsi Mbeki, usanda kugxeka umongameli uCyril Ramaphosa emchaza njengomongameli ongameli nto.
UMbeki umninawa walowo wayesakuba nguMongameli uThabo Mbeki uthi uRamaphosa uye wasokola ukuseka amagunya kwi-African National Congress (ANC) nakwiKhabhinethi yakhe, nto leyo ebangele urhulumente ongenamvisiswano nomkhombandlela.
NgokukaMbeki, ukusilela kukaRamaphosa ukulawula amalungu ombutho kunye nabaphathiswa, abasoloko bephikisana nezikhundla zikarhulumente, ngumzekelo wobuthathaka bakhe bobunkokeli.
Umhlalutyi wezopolitiko uqhube wathi ukungakwazi kukaRamaphosa ukwenza izigqibo ezizizo kukhokelele kulawulo oluqhekekayo, ingakumbi njengoko iANC ijijisana nobunzima boRhulumente woManyano lweSizwe (GNU) olubandakanya amaqela amaninzi ezopolitiko.

