Ngcobo kunye nenkosikazi yakhe bavele kwiNkundla kaMantyi eBellville eKapa ngezityholo zobuqhetseba kunye nokuxhaphaza imali ngokungekho mthethweni kwinkundla kamantyi yaseBellville izolo.
UMbuso utyhola uNgcobo, 57, kunye nenkosikazi yakhe, uSalomie, 47, benza iqhinga lokufumana imali kwiPetroleum Oil and Gas Corporation of South Africa SOC Limited (PetroSA) ngendlela yobuqhophololo besebenzela bona, amalungu osapho lwabo, kunye/okanye amaqumrhu abanomdla kuwo.
UNgcobo kunye nenkosikazi yakhe kutyholwa ukuba basebenzisa iileta zomgunyathi zokuthembela kunye neeleta zabanikela ukuxhasa isicelo sabo.
IPetroSA yalahlekiswa ukuba ikhuphe iR13 yezigidi zeerandi kwiakhawunti yebhanki edityaniswe neGangatha Projects, iqumrhu ekucingelwa ukuba alibhaliswanga elilawulwa nguNgcobo.
UNgcobo, ochongwe njengoSompempe kwiPSL izihlandlo ezine, unikwe ibheyile yamawaka angamashumi amahlanu amawaka eerandi ngelixa unkosikazi wakhe yena wanikwa iR30,000 njengoko uphando lusaqhubeka.
Ukanti uNcobo uyaziphika ezizityholo, watsho esithi oku kusezandleni zomthetho kwaye banethemba ukuba bazakufunyaniswa bemsulwa kwezizityholo.

