Inkulumbuso yephondo leMpuma Koloni, uLubabalo Mabuyane, uthetha kwindibano yesithili yamashumi asithoba anesine yoNyaka yaMadoda eqhubekayo eFort Malan, eWillowvalle.
INkulumbuso ithetha ngoHlaziyo lweSimilo, ukungalingani ngokweSini, uBundlobongela obuSekelwe kwiSini kunye nokubulawa kwabasetyhini.
Kwintetho yakhe lokaMabuyane ucenga ebongoza ukuziphatha kwamadoda nangunobangela wokuhlukunyezwa kwabasetyhini kweli.
UMpathiswa ukwahlaba ikhwelo kumadoda ukuba angavumi kungcoliseke igama lawo.

