Kubanjwe umqhubi weteksi yaseMakhanda oneminyaka engamashumi amane anesithathu (43) ngezityholo zokuzithathela ngolunya kulomhlaba ungezantsi kwintwazana eneminyaka elishumi elinesithandathu ubudala. Esi sehlo kutyholwa kuba senzeke ngoMvulo malunga nentsimbi yeshumi kusasa.
“Intombazana eneminyaka elishumi elinesithandathu ubudala ikhwele iteksi isendleleni eya edolophini eMakhanda,” sitshilo isithethi samapolisa uWarrant Officer Majola Nkohli. “Ngelixa iteksi isendleleni, umqhubi uthathe enye indlela eya ePeddie, wamisa kwindawo efihlakeleyo nalapho enze esisityholo.”
Kamva ixhoba liye labika esi siganeko kwisikhululo samapolisa. Iqela labecuphi becandelo elijongene nobuNdlobongela kuSapho, uKhuseleko lwaBantwana kunye noLwaphulo-mthetho ngokweSondo liphande eli tyala ze lalandela umkhondo, libambe umrhanelwa ngentsasa yangoLwesibini.
Umrhanelwa kulindeleke ukuba avele kwinkundla kamantyi yaseMakhanda ngoLwesithathu ejongene netyala lokudlwengula.

