Ingxowa-mali yeengozi ezindleleni (Road Accident Fund – RAF) ithi kusaqhubeka kukho abantu ababaxayo ukonzakala ukuze bafumane intywenka yemali kumabango. Ingqonyela yeRAF, uCollins Letsoalo, uxelele iKomiti eSigxina yee-Akhawunti zoLuntu ukuba le yenye yezinto eli qumrhu elizama ukuyilungisa.
Uthe amagqwetha ahlala eyisa iRAF enkundleni ukuze acele umngeni kwiziphumo zamabango abanganelisekanga zizo kubathengi babo. ULetsoalo uxelele iScopa ukuba iifomu zamabango zihlala zingahambelani nokwenzakala ngokwasemzimbeni kwabo babangayo.
“Nabani na orhola imali kuRAF, kufuneka kube kanti wonzakele kakhulu,” utshilo uLetsoalo. ULetsoalo uthi abanye abaxhamli khange bonzakale kakhulu ngethuba bebanga imali yeRAF.

